Uyohane 4:39-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Ăšndityele izinto zonke endakha ndazenza.

40. Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.

41. Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe.

42. Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu*.

43. Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.

Uyohane 4