20. Bavuya ngoko abafundi bakuyibona iNkosi.
21. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Uxolo malube nani; njengokuba uBawo endithumile mna, nam ndiyanithuma nina.
22. Akutsho wabaphefumlela, wathi kubo, Yamkelani uMoya oyiNgcwele;
23. abazono nithe nazixolela, bazixolelwe; nabazono nithe nazibamba, zibambekile.
24. Ke kaloku uTomas, omnye kwabalishumi elinababini, okuthiwa nguDidimo,* wayengenabo oko wafikayo uYesu.