Uyohane 2:12-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Emveni koko wehla waya eKapernahum, yena nonina, nabazalwana bakhe, nabafundi bakhe; bahlala khona iintsuku ezingeninzi.

13. Yayikufuphi ke ipasika* yamaYuda; wenyuka uYesu waya eYerusalem.

14. Wabafumana etempileni ababethengisa ngeenkomo nezimvu namahobe, nabananisa ngemali behleli.

15. Wenza iziniya ngemizĂ­, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile;

16. wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.

17. Bakhumbula ke abafundi bakhe, ukuba kubhaliwe kwathiwa, Ukuzondelela indlu yakho kundidlile kanye.

18. Aphendula ke ngoko amaYuda, athi kuye, Usibonisa mqondiso mni na, uzenza nje ezi zinto?

19. Waphendula uYesu wathi kubo, Yichitheni le tempile, mna ke ndiya kuyivusa ngeentsuku ezintathu.

Uyohane 2