Uyohane 19:37-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

37. Kanjalo nesinye isibhalo sithi, Baya kukhangela kulowo bamhlabileyo.

38. Ke kaloku emveni koko, uYosefu waseArimati (engumfundi kaYesu, ke enguye ngokufihlakeleyo ngenxa yokoyika amaYuda), wacela kuPilato, ukuba awususe umzimba kaYesu. Waza uPilato wavuma; weza ke wawususa umzimba kaYesu.

39. Kwafika ke noNikodemo (lowo wezayo kuYesu ebusuku ekuqaleni), ephethe impithikezo yemore* nekhala, ngathi iziiponti ezilikhulu ngobunzima.

40. Bawuthabatha ke umzimba kaYesu, bawubopha ngezisongelo zelinen, ndawonye nobulawu, njengoko kulisiko lokungcwaba kumaYuda.

41. Ke kaloku, bekukho kuloo ndawo abebethelelwe kuyo emnqamlezweni umyezo; nasemyezweni apho bekukho ingcwaba elitsha, ekungazanga kubekwe mntu kulo.

42. UYesu ngoko bambeka khona apho, ngenxa yemini yokulungiselela kwamaYuda; ngokuba ingcwaba belikufuphi.

Uyohane 19