Uyohane 17:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinikile ukuba ndiwenze.

5. Ndízukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.

6. Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.

7. Ngoku baqondile, ukuba zonke izinto ondinike zona zivela kuwe.

8. Ngokuba amazwi ondinike wona, ndiwaniké bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.

9. Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona; ngokuba bengabakho.

10. Izinto zonke ezizezam zezakho, zibe ezakho zizezam; ndizukisekile ke kubo.

Uyohane 17