Uyohane 16:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ezo zinto baya kuzenza kuni, ngokuba bengamazanga uBawo kwanam.

4. Ezi zinto ndizithethile kuni, ukuze, xa lithe lafika ilixa, nizikhumbule ukuba mna ndandinixelele. Ezi zinto ke andinixelelanga kwasekuqaleni, ngokuba bendinani.

5. Ngoku ke ndiyemka, ndiya kowandithumayo; akukho namnye kuni undibuzayo, athi, Ùya phi na?

6. Ngokuba ke ezi zinto ndizithethile kuni, iintlungu ziyizalisile intliziyo yenu.

7. Noko ke mna ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke; kuba, ndingemkanga, uMthetheleli akayi kuza kuni; ke, ndíthe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

8. Efikile ke, uya kulohlwaya ihlabathi lidane, ngenxa yesono, nangenxa yobulungisa, nangenxa yomgwebo;

9. ngenxa yesono, ngokokuba bengakholwa kum;

Uyohane 16