21. Ezithethile uYesu ezi zinto, wakhathazeka emoyeni wakhe, wangqina wathi, Inene, inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha.
22. Baye ngoko abafundi bekhangelana, bethingaza ukuba uthetha bani na.
23. Ke kaloku, bekwayame esifubeni sikaYesu omnye umfundi wakhe, obethandwa nguYesu.
24. Unqwala ngoko uSimon Petros kulowo, ukuba abuze ukuba angaba uthetha bani na.