Uyohane 10:26-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Nina anikholwa, kuba aningabo abezimvu zam; njengoko ndanixelelayo.

27. Ezam izimvu ziyaliva ilizwi lam, ndibe nam ndizazi, zindilandela;

28. mna ndizinika ubomi obungunaphakade; azisayi kutshabalala naphakade; akukho namnye uya kuzihlutha esandleni sam.

29. UBawo, ondinike zona, ungaphezu kwabo bonke; akukho bani unako ukuzihlutha esandleni sikaBawo.

30. Mna noBawo sibanye.

31. Abuya ngoko amaYuda achola amatye ukuba amxulube.

32. Wawaphendula uYesu wathi, Mininzi imisebenzi emihle endanibonisayo, ivela kuBawo; nindixuluba ngenxa yawuphi na umsebenzi kuyo?

33. Amphendula amaYuda esithi, Asikuxulubeli msebenzi mhle, sikuxuluba ngokuba unyelisa; nangokuba wena usithi, ùngumntu nje, usuke uzenze uThixo.

34. Uwaphendule uYesu wathi, Akubhaliwe na emthethweni wenu, kwathiwa, Mna ndithe ningoothixo?

35. Ukuba úthe bona bangoothixo, eleza kubo ilizwi likaThixo (sibe isibhalo singenakwaphulwa),

36. nitsho na nina ngaye lowo uYise wamngcwalisayo, wamthuma ehlabathini, ukuthi, Ùyanyelisa; ngokuba ndithe, NdinguNyana kaThixo?

37. Ukuba andiyenzi imisebenzi kaBawo, musani ukukholwa ndim.

Uyohane 10