Uyobhi 9:20-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ukuba bendithe ndalilungisa, umlomo wam ubuya kundigweba;Ukuba bendithe ndagqibelela, ubeya kundenza umjibilizi.

21. Ndigqibelele; àndiwukhathalele umphefumlo wam;Ndiyabucekisa ubomi bam.

22. Kúnye oko; ngenxa yoko ndithi,Ogqibeleleyo nongendawo úyabatshabalalisa.

23. Ukuba iziniya ithe yabulala ngesiquphe,Úya kugculela ukuqotywa kwabamsulwa.

24. Ihlabathi linikelwe esandleni sabangendawo;Uyabugqubuthela ubuso babagwebi balo.Ukuba kanti akunjalo, kwenziwe ngubani na ke?

25. Imihla yam ikhawulezé ngaphezu kwesigidimi;Ibalekile, ayibonanga kulungileyo;

26. Ithe phe njengemikhombe yeengcongolo,Njengokhozi luxwila ixhoba.

27. Ndákuthi, Ndiya kuyilibala inkalazo yam,Ndibuyeke ubuso bam, ndincumeze,

28. Ndisuka ndinxunguphale ziimbulaleko zam zonke,Ndazi ukuba akuyi kuthi ndimsulwa.

29. Kuthiwa ndingongendawo mna;Yini na le nto ndifumana ndizixhamla?

30. Nokuba bendithe ndazihlamba ngamanzi ekhephu,Ndazihlambulula izandla zam ngesepha,

Uyobhi 9