Uyobhi 7:10-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Akabi sabuyela endlwini yakhe,Ingabi samazi indawo yakhe.

11. Nam andiyi kuwubamba umlomo wam;Ndiya kuthetha ekubandezelweni komoya wam,Ndikhalaze ebukrakreni bomphefumlo wam.

12. Ndilulwandle na, ndiyingwenya na,Ukuba undimisele umlindo?

13. Xa bendisithi, Wóndithuthuzela umandlalo wam,Sondithwalisisa inkalazo yam isingqengqelo sam:

14. Wesuka wena wandoyikisa ngamaphupha,Wandidandathekisa emibonweni,

15. Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa;Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.

Uyobhi 7