Uyobhi 6:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa?Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?

7. Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam,Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.

8. Akwaba bendingazuza isicelo sam,UThixo andiphe endikulindelayo;

9. Kukhóleke kuThixo ukundityumza,Asivulele isandla sakhe, andinqumle!

10. Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam;Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo;Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.

11. Ayintoni na amandla am, ukuba ndingáde ndithembe?Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingáde ndibe nokuzeka kade?

Uyobhi 6