6. Iyadliwa na into ejavujavu, ingenatyuwa?Sikho na isongo kwintlaka yeqanda?
7. Eyona nto walayo ukuyiphatha umphefumlo wam,Leyo yeyona ikukudla kwam okukruqulayo.
8. Akwaba bendingazuza isicelo sam,UThixo andiphe endikulindelayo;
9. Kukhóleke kuThixo ukundityumza,Asivulele isandla sakhe, andinqumle!
10. Ibiya kuhlala ikho intuthuzelo yam;Bendiya kuxhina kwezo ntlungu zingacongiyo;Kuba andiwakhanyelanga amazwi oyiNgcwele.
11. Ayintoni na amandla am, ukuba ndingáde ndithembe?Siyintoni na isiphelo sam, ukuba ndingáde ndibe nokuzeka kade?