1. Ùnokuyirhola na ingwenya ngegwegwe,Ulutshonise elutyeni ulwimi lwayo?
2. Ùnokuyifaka intambo yomzí empumlweni yayo na,Ugqobhoze izidlele zayo ngentola?
3. Ingátarhuzisa kunene na kuwe,Ithethe amazwi athambileyo kuwe?
4. Ingénza umnqophiso na nawe,Wokuba uyithabathe ibe ngumkhonzi waphakade?
5. Ùngádlala na nayo njengentaka,Uyikhulekele amantombazana akho?