Uyobhi 4:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wema, andayinakana imbonakalo yawo;Kwakho isimilo esithile phambi kwamehlo am;Ndeva izwi elisebezayo, lisithi,

17. Umntu ulilungisa na ngaphezu koThixo?Uhlambululekile na umfo ngaphezu koMenzi wakhe?

18. Yabona, àkakholwa ngabakhonzi bakhe,Nezithunywa zakhe uthi zingábaphosisi;

19. Bangabeka phi na ke abahlala ezindlwini zodaka,Abasiseko siseluthulini,Abatyunyuzwa njengamanundu?

20. Kusa kuhlwe, beqotywa;Badake kuphele, kungekho ugqalayo.

Uyobhi 4