Uyobhi 37:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Inene, ngale nto iyagubha intliziyo yam,Ixhume endaweni yayo.

2. Phulaphulani, phulaphulani ukuguguma kwelizwi lakhe,Nokudumzela okuphumayo emlonyeni wakhe.

3. Ăškusingisa ngaphantsi kwezulu lonke,Nombane wakhe uye emasondweni ehlabathi.

4. Emva kwawo kubhonga ilizwi;Ududuma ngezwi lobungangamsha bakhe;Akawulibazisi, xa livakalayo izwi lakhe.

Uyobhi 37