Uyobhi 36:2-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Khawenze kuhle, ndikutyele;Kuba kusekho ukuthetha okusingisele kuThixo.

3. Ndiya kukuphakamisela entweni ekude ukwazi kwam,Ndimnike ubulungisa uMenzi wam.

4. Okwenene, àkubuxoki ukuthetha kwam;Ogqibeleleyo ngokwazi uphambi kwakho.

5. Yabona, uThixo unamandla, akacekisi bani;Unamandla ngokuqina kwengqondo.

6. Akamlondolozeli ebomini ongendawo;Iintsizana uzinika ibango lazo.

7. Akawasusi amehlo akhe kwabangamalungisa;Úbahlalisa kunye nookumkani etroneniNgonaphakade, baphakame ke.

8. Ukuba bakhonkxiwe ngemixokelelwane,Bebanjiwe ngezintya zeentsizi,

9. Úbaxelela izenzo zaboNezikreqo zabo; ngokuba bezenza amagorha.

10. Uzityhilela intethiso iindlebe zabo;Uthi mababuye ebutshingeni.

11. Ukuba bathe beva, bamkhonza,Boyigqiba imihla yabo ekulungeni,Neminyaka yabo ebumnandini.

12. Ukuba bathe abeva, bogqithela emkhontweni,Baphume umphefumlo bengenakwazi.

13. Ke abaziintshembenxa ngentliziyo babamba umsindo;Abazibiki xa abakhonkxayo;

14. Úfe ke ebuncinaneni umphefumlo wabo,Nobomi babo bube bobeng'awu kwindawo engcwele.

15. Úyamhlangula olusizana ngeentsizi zakhe,Ayityhile indlebe yakhe ngokuxinwa kwabo.

16. Nawe úbengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo,Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo;Nókubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.

17. Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo;Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.

18. Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla,Nobukhulu bocamagusho mabungàthi gu bucala.

19. Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na,Nemigushanxa yonke yamandla?

20. Musa ukuzonda ubusukuBokususa izizwe esikhundleni sazo.

Uyobhi 36