Uyobhi 36:16-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Nawe úbengakukhululayo yena emlonyeni wembandezelo,Akuse endaweni ebanzi, emzantsi ungacuthekileyo;Nókubekwa etafileni yakho kuzale kukutyeba.

17. Ke wena uzele kukugweba kwabangendawo;Ukugweba nokugwetywa kunako ukukubamba.

18. Kuba ubushushu mabungakuxhokonxeli ekutyhwakrazeni izandla,Nobukhulu bocamagusho mabungàthi gu bucala.

19. Ukuzibika kwakho kokubeka ngaphandle kwembandezelo na,Nemigushanxa yonke yamandla?

Uyobhi 36