Uyobhi 35:2-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ùba oku kusesikweni na,Ukuthi, ubulungisa bakho bungaphezu kobukaThixo;

3. Ukuba uthi nje, Bundinceda ntoni na,Bundinyusa ngantoni na phezu kokundinyusa kwesono sam?

4. Ndiya kukuphendula mna ngokuthetha,Nabahlobo bakho abanawe.

5. Bheka ezulwini ubone;Ukhangele isibhakabhaka, siphezulu kuwe.

6. Ukuba ùthi wone, usebenza ntoni na ngakuye?Khona zakuba zininzi izikreqo zakho, umenzé ntoni na?

7. Ukuba ùthe walungisa wena, umpha ntoni na ngaloo nto?Wámkela ntoni na yena esandleni sakho?

8. Kuyinto kwindoda enjengawe ukungabi ndawo kwakho;Buyinto kuwe, nyana womntu, ubulungisa bakho.

Uyobhi 35