Uyobhi 31:28-37 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Nako oko ngekuba bubugwenxa phambi kwabagwebi;Kuba ngendiba ndimkhanyele uThixo waphezulu.

29. Ukuba ndibe ndivuyela ilishwa londithiyayo,Ndaxhumela ukuba efunyenwe bububi

30. (Ke andilivumelanga ikhuhlangubo lam, ukuba lone,Ndiwùcele ngentshwabulo umphefumlo wakhe);

31. Ukuba babengàtsho abantu bentente yam, ukuthi,Angaba ngubani na ongahluthanga yinyama yakhe?

32. Ubengalali phandle umphambukeli,Iingcango zam bendizivulela endleleni;

33. Ukuba bendilugubungela ukreqo lwam, njengoAdam,Ngokuqhusheka ubugwenxa bam esifubeni sam,

34. Ngakuba bendingcangcazela phambi kwengxokolo eninzi,Ndaqhiphuka umbilini kukudelwa yimizalwane,Ndathi cwaka, andaphuma emnyango —

35. Andaba bendinondiphulaphulayo!Nangu umqondiso wam, uSomandla makandiphendule;Nantsi incwadi ayibhalileyo obambene nam.

36. Inene, ndoyithwala ngesixhanti nam,Ndoyithi jize kum njengesithsaba.

37. Inani lamabanga am ndomxelela,Ndimsondele njengengànga.

Uyobhi 31