27. Amathumbu am abila, akayeka;Yandihlangabeza imihla yeentsizi.
28. Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa;Ndaphakama ebandleni, ndazibika.
29. Ndingumzalwana weempungutye,Nomlingane weenciniba.
30. Ulùsu lwam luyadlubhuka kum, lumnayama.Namathambo am atshile kukoma.
31. Uhadi lwam lwaba sisijwili,Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.