Uyobhi 30:27-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. Amathumbu am abila, akayeka;Yandihlangabeza imihla yeentsizi.

28. Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa;Ndaphakama ebandleni, ndazibika.

29. Ndingumzalwana weempungutye,Nomlingane weenciniba.

30. Ulùsu lwam luyadlubhuka kum, lumnayama.Namathambo am atshile kukoma.

31. Uhadi lwam lwaba sisijwili,Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.

Uyobhi 30