25. Khona andimlilelanga yini na omini zinobubi?Úbungenalusizi na umphefumlo wam ngenxa yehlwempu?
26. Kuba ndathemba okulungileyo, kweza okubi;Ndalinda ukukhanya, kweza isithokothoko.
27. Amathumbu am abila, akayeka;Yandihlangabeza imihla yeentsizi.
28. Ndahamba ndinezimnyama zokuzila, akwabakho langa;Ndaphakama ebandleni, ndazibika.
29. Ndingumzalwana weempungutye,Nomlingane weenciniba.
30. Ulùsu lwam luyadlubhuka kum, lumnayama.Namathambo am atshile kukoma.
31. Uhadi lwam lwaba sisijwili,Ugwali lwam lwaba lilizwi labalilayo.