1. Wahambisa uYobhi ukuphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,
2. Yoo! Andaba bendineenyanga ezinjengezaphambili,Njengemihla abendigcinile uThixo;
3. Xa ukukhanya kwesibane sakhe bekuphezu kwentloko yam,Xa ngokukhanya kwakhe bendibuhamba ubumnyama;
4. Njengoko bendinjalo ngemihla yam yokwindla,Oko ukucweya kukaThixo bekuphezu kwentente yam;
5. Oko uSomandla ebesenam,Bengeenxa zonke kum abantwana bam;
6. Oko ebehlanjwa amabanga am ngamasi,Iliwa lindithululela imijelo yeoli.
7. Xa ekuphumeni ngesango bendinyuka ukuya kuwo umzi,Ndimise isihlalo sam endaweni yembutho,