Uyobhi 28:4-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bemba umngxuma kude kwabemiyo,Belityelwe lunyawo lwabahambi;Baxhomekile bekude nabantu, bayajinga.

5. Umhlaba — kuphuma ukutya kuwo;Umzantsi wawo ubhukuqwa ngathi ngumlilo.

6. Indawo yesafire* ngamatye awo,Amagada egolide akuyo;

7. Yingqushu engaziwa xhalanga,Engathiwanga nzo liso lantloyiya,

8. Enganyathelwanga thole lanyamakazi inyalasayo,Engahanjwanga nayingonyama.

9. Usa isandla sakhe nakwiqhwitha,Uzibhukuqa ezingcanjini iintaba.

Uyobhi 28