Uyobhi 28:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Abumelwa yigolide ecikizekileyo yakwaOfire,Nesardonisi* enqabileyo, nesafire.*

17. Azinakulingana nabo igolide negilas;Abunakwananana neempahla zegolide engcwengiweyo.

18. Zingasakhunjulwa iikroale* neekristale,*Ukuzuzwa kobulumko kuphezu kweeperile.*

19. Ayinakulingana nabo itopazi* yakwaKushi;Abumelwa yigolide ecikizekileyo, ecocekileyo.

20. Ubulumko buvela phi na ke,Yiyiphi na indawo yengqondo?

Uyobhi 28