8. Bayanetha sisiphango seentaba;Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.
9. Kuhluthwa ebeleni iinkedama,Koniwe abaziintzisana.
10. Bahamba zé, bengenangubo;Bathwala izithungu, belambile.
11. Phakathi kweendonga zâbaya bakhama ioli,Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.
12. Emizini kugula amadoda,Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala;Kanti uThixo akathi bubuhilihili.
13. Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni;Abanakwazana neendlela zako,Abahlali ezingqushwini zako.