Uyobhi 24:8-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Bayanetha sisiphango seentaba;Bancathama ngeliwa, bengenandawo yakuzímela.

9. Kuhluthwa ebeleni iinkedama,Koniwe abaziintzisana.

10. Bahamba zé, bengenangubo;Bathwala izithungu, belambile.

11. Phakathi kweendonga zâbaya bakhama ioli,Baxovula ezixovulelweni zewayini, benxaniwe noko.

12. Emizini kugula amadoda,Nomphefumlo wabangxwelerhiweyo uyakhala;Kanti uThixo akathi bubuhilihili.

13. Ngabo abo bagwilika ekukhanyeni;Abanakwazana neendlela zako,Abahlali ezingqushwini zako.

Uyobhi 24