Uyobhi 22:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kumnandi na kuSomandla, xa ùlilungisa?Kuyinzuzo na kuye, ukuba ùyazigqibelelisa iindlela zakho?

4. Úya kukohlwaya na ngenxa yokoyika kwakho uThixo,Aye nawe ematyaleni?

5. Ububi bakho abubukhulu na?Ubugwenxa bakho asibobungaphele ndawo na?

6. Kuba ubúbambise umzalwana wakho ngelizé,Ububahluba abazé iingubo.

7. Ubungàmsezi manzi otyhafileyo,Olambileyo ubumvimba ukutya.

8. Ke indoda enengalo, belilelayo ilizwe;Obekekileyo ubehlala kulo.

9. Abahlolokazi ububandulula belambatha,Neengalo zeenkedama ubuzityumza.

Uyobhi 22