Uyobhi 20:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Oku ùyakwazi na kambe kwanini,Kususela koko lwabekwayo uluntu ehlabathini:

5. Ukuba ukumemelela kwabangendawo kufutshane,Ukuvuya kweentshembenxa kokwephanyazo?

6. Nokuba kuthe kwenyuka kwaya ezulwini ukuphakama kwakhe,Intloko yakhe wayifikisa emafini:

7. Njengelindle lakhe uya kudaka kuphele,Abambonayo bathi, Úphi na?

8. Úya kuphaphazela emke njengephupha, angafunyanwa,Aphekuzwe njengombono wobusuku.

9. Iliso elikhe lambona, aliyi kuphinda;Indawo yakhe ayisayi kumalama.

10. Abantwana bakhe baya kungxengxezela abasweleyo,Izandla zakhe zibuyise imfuyo yakhe.

11. Amathambo akhe ebezele bubutsha;Bolaliswa phantsi naye eluthulini.

12. Nokuba ububi bebunencasa emlonyeni wakhe,Wabugusha phantsi kolwimi lwakhe,

13. Wabuconga akabuyeka,Wabuthintela ekhuhlangubeni lakhe;

Uyobhi 20