Uyobhi 19:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam,Nindityumza ngokuthetha?

3. Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile;Ă€nidanile, niyandikhwankqisa.

4. Khona ke ndithe okunene ndalahleka,Kuhleli nam ukulahleka kwam.

5. Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum,Nandohlwaya ngengcikivo yam:

6. Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo,Wandirhawula ngomnatha wakhe.

7. Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa;Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.

Uyobhi 19