Uyobhi 15:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Khe sohlwaye ngentetho engancediyo na,Nangokukhuluma okungasizi lutho na?

4. Phezu koko wena utshitshise ukoyika uThixo,Wanciphisa ukuthelekelela phambi koThixo;

5. Ngokuba ubugwenxa bakho bufundisa umlomo wakho,Unyulé ulwimi lwabanobuqhophololo.

6. Ngumlomo wakho okugwebayo, asindim;Ngumlomo wakho okuphendulayo.

7. Nguwe na owazalwa kuqala, waba ngumntu?Waveliswa ngenimba ngaphambi kweenduli?

8. Wawukho na egquguleni likaThixo?Wabutsalela kuwe na ubulumko obo?

Uyobhi 15