Uyobhi 14:17-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Sitywiniwe savingcelwa engxoweni isikreqo sam;Wahlomela ebugwenxeni bam.

18. Kodwa intaba, isíwa, iyagubeka;Iliwa liyashenxa endaweni yalo;

19. Amanzi ayawadla amatye;Iziphango zawo ziyalukhukulisa uthuli lomhlaba;Ithemba lomntu ùyalidakisa ke.

20. Ùthi gaga phezu kwakhe kuphele, emke;Uguqula ubuso bakhe, umgxothe.

21. Bayazuka abantwana bakhe, angazi yena;Baba ziimbedlenge, angagqali yena.

22. Kuye yedwa ibuhlungu inyama yakhe,Umphefumlo wakhe uyalila ngaphakathi.

Uyobhi 14