Uyobhi 13:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. UThixo niya kumthethelela ngobugqwetha na,Nimthethelele ngenkohliso na?

8. Niya kumnonelela na,Niphikele uThixo na?

9. Kólunga na xa athe wanigocagoca?Ninokumgculela na, njengokuba enokugculelwa umntu?

10. Wonohlwaya inene,Ukuba nithe ngasese nanonelela umntu.

11. Ubungangamela bakhe abuyi kunidandathekisa na,Kuniwele ukunkwantyisa kwakhe?

12. Izikhumbuzo zenu yimizekeliso yothuthu;Iingqolo zenu zoba ziingqolo zodaka.

13. Yithini tu! Ndiyekeni, ukuze ndithethe,Kundihléle okundihlelayo.

14. Kungani na ukuba ndiyiphathe inyama yam ngamenyo am,Umphefumlo wam ndiwubeke ezandleni zam?

Uyobhi 13