Uyobhi 10:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Injengemihla yomntu na imihla yakho,Iminyaka yakho injengemihla yomfo na;

6. Ukuba nje ubufune ubugwenxa bam,Usingxoke isono sam,

7. Usazi nje ukuba andingongendawo,Nokuba akukho unokuhlangula esandleni sakho?

8. Izandla zakho zindiyilile, zandenzaNdonke, ngeenxa zonke; ùyandiginya noko.

9. Khawukhumbule, ukuba undenzé ngokodongwe;Ke undibuyisa undise eluthulini!

10. Akundithululanga na njengamasi,Wandivuthisa njengengqaka?

11. Wandambesa ngolùsu nenyama,Wandiphingela ngamathambo nemisipha.

12. Ùndenzele ubomi nenceba,Nokuvelela kwakho kwawugcina umoya wam.

Uyobhi 10