Uyeremiya 9:10-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwé isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, àlavakala izwi lemfuyo; kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.

11. Ndiyenzé iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye; ndiyenzé imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.

12. Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?

13. Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, àbaliphulaphula ilizwi lam, àbahamba ngawo.

14. Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali,* into abayifundiswa ngooyise.

15. Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;

16. ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.

17. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;

Uyeremiya 9