5. Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe;
6. ànamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, ànaliphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, ànalandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni;
7. ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni.
8. Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo.
9. Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali,* nilandele thixo bambi eningabaziyo;
10. nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke?
11. Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.