Uyeremiya 6:13-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.

14. Bákuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.

15. Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke àbadani nokudana, àbakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.

16. Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; báthi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo.

17. Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; báthi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.

18. Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo.

19. Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile.

Uyeremiya 6