Uyeremiya 52:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena.

2. Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim.

Uyeremiya 52