Uyeremiya 51:38-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Bonke bephela bangábharhula njengeengonyama ezintsha, bangávungama njengamathole engonyamakazi.

39. Kanti ke ebushushwini babo ndiya kubenzela umgidi wabo, ndibanxilise, ukuze badlamke, balale ubuthongo obungunaphakade, bangavuki; utsho uYehova.

40. Ndiya kubathobela ekuxhelweni njengamatakane, njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. Hayi, ukuthinjwa kweSheshaki, ukubanjwa kweqhayiya lehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa ummangaliso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42. Ulwandle lunyukile, lwayizela iBhabheli; igutyungelwe kukuguguma kwamaza alo.

Uyeremiya 51