16. Kwakubon' ukuba kukho isithonga sokwenza kwakhe ingxolo yamanzi ezulwini, unyusa amafu esiphelweni sehlabathi; imvula uyenzela imibane, arhole umoya koovimba bakhe.
17. Uba sisityhakala wonke umntu engenakwazi, udaniswa wonke umnyibilikisi wegolide, ngenxa yomfanekiso oqingqiweyo; ngokuba umfanekiso wakhe otyhidiweyo bubuxoki, awunamoya.
18. Zingamampunge ezo zinto, sisenzo sokugxekwa; ngexesha lokuvelelwa kwazo ziya kutshabalala.
19. Àkanjalo yena uSahlulelo sikaYakobi; ngokuba nguMbumbi wezinto zonke yena, nowesizwe selifa lakhe yena; nguYehova wemikhosi, igama lakhe.
20. Wena ùsisixengxe sam, usisikrweqe sam sokulwa. Ndiya kuzihlekeza ngawe iintlanga, ndizonakalise ngawe izikumkani;
21. Ndihlekèze ngawe ihashe nomkhweli walo; ndihlekeze inqwelo yokulwa nomkhweli wayo;
22. ndihlekeze ngawe indoda nomfazi, ndihlekeze ngawe indoda enkulu nomfana, ndihlekeze ngawe amadodana nomthinjana;
23. ndihlekeze ngawe umalusi nomhlambi wakhe; ndihlekeze ngawe umlimi nesipani sakhe; ndihlekeze ngawe amabamba neerhuluneli.
24. Ndobuyekekeza kwiBhabheli, nakubeni bonke belamaKaledi, bonke ububi babo, ababenzé kwiZiyon emehlweni enu; utsho uYehova.
25. Yabona, ndikuchasile, ntaba yokonakalisa, utsho uYehova, elonakalisileyo lonke ihlabathi; ndiya kolula isandla sam phezu kwakho, ndikuqèngqe uhle ezingxondorheni, ndikwenze intaba etshisiweyo;