Uyeremiya 50:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Hayi, ukuxakaxwa, ukwaphulwa kwesando sehlabathi lonke! Hayi, ukwenziwa kweBhabheli ummangaliso phakathi kweentlanga!

24. Ndikuthiyéle, wabanjiswa nokubanjiswa, Bhabheli, ungâzi ke wena; ùfunyenwe, wathinjwa nokuthinjwa, ngokuba ulwe noYehova.

25. UYehova uyivulile indlu yezixhobo zakhe, wazikhupha iimpahla zokubhavuma kwakhe; ngokuba inomsebenzi iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lamaKaledi.

Uyeremiya 50