6. Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.
7. Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi.
8. Bayazíbela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe.
9. Mandingàveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungàphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?
10. Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova.
11. Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova.
12. Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, àbuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala;
13. abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.
14. Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle.