7. Ngenxa enokuba ùkholose ngezenzo zakho nangobuncwane bakho, nawe uya kuthinjwa, aphume afuduswe uKemoshe,* ababingeleli bakhe nabathetheli bakhe kunye.
8. Úya kufika umbhuqi emizini yonke, kungasindi mzi, idake intili, litshabalale ihewu, njengoko watshoyo uYehova.
9. Mnikeni amaphiko uMowabhi; ngokuba wóphuma ebaleka, imizi yakhe ibe ngamanxuwa, ingemiwa.
10. Makaqalekiswe owenza umsebenzi kaYehova ngokudangala, aqalekiswe onqanda ikrele lakhe egazini.