Uyeremiya 46:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.

15. Yini na ukuba ziqwelwe iimbalasane zakho? Azimanga, ngokuba uYehova uzingqulile.

16. Ukhubekisa abaninzi, ewe, omnye uwela omnye; bathi, Sukani, masibuyele ebantwini bakowethu, ezweni esazalelwa kulo, ngenxa yekrele elidlavulayo.

17. Bádanduluka khona, bathi, UFaro ukumkani weYiputa utshabile; ulidlulisile ixesha elimisiweyo.

18-19. Ndihleli nje, utsho ukumkani, ogama lakhe linguYehova wemikhosi, ukuthi, Inene, úya kuza énjengeTabhore phakathi kweentaba, énjengeKarmele ngaselwandle. Zénzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.

20. IYiputa lithokazi elihle kakhulu; isibawu sasentla siyeza, siyeza.

21. Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba úyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.

22. Isandi sayo sinjengokuhamba kwenyoka; ngokuba bahamba ngobukroti, bayifìkele ngezixengxe njengabagawuli bemithi.

Uyeremiya 46