14. Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abezé kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.
15. Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,
16. Ilizwi elo ulithethileyo kuthi egameni likaYehova, asiyi kukuphulaphula ngalo.
17. Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthulùlele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlútha ke sisonka, salunga, asabona bubi.
18. Kususela koko sayekayo ukuqhumisela kukumkanikazi wezulu, nokumthululela iminikelo ethululwayo, saswela iinto zonke, sagqityelwa likrele nayindlala.
19. Xa ke thina bafazi síqhumiselayo kukumkanikazi wezulu, símthululelayo iminikelo ethululwayo, símenzela izonkana zokuba eyilwa, símthululela iminikelo ethululwayo, amadoda ethu àkakho na kuthi?
20. Wathetha uYeremiya kubantu bonke, kumadoda nakubafazi, kubantu bonke abamphenduláyo ngelo lizwi, wathi,
21. Ukuqhumisela oko enaqhumisela ngako emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem, nina nooyihlo, ookumkani benu nabathetheli benu, nabantu belizwe, àkakukhumbulanga na uYehova? Akuthanga qatha na entliziyweni yakhe oko?