Uyeremiya 44:13-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndiya kubavelela abahleli ezweni leYiputa, njengoko ndayivelelayo iYerusalem ngekrele, nangendlala, nangendyikitya yokufa.

14. Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abezé kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.

15. Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,

Uyeremiya 44