13. Kwathi, bonke abantu abanoIshmayeli, bakumbona uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bezimpi ezinaye, bavuya;
14. bajika bonke abantu abebathimbe eMizpa uIshmayeli, babuya baya kuYohanan unyana kaKareha.
15. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wasÃnda, enamadoda asibhozo, ebusweni bukaYohanan, waya koonyana baka-Amon.
16. Wawathabatha uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababenaye, onke amasalela abantu, awababuyisayo kuIshmayeli unyana kaNetaniya eMizpa, emveni kokuba ebembulele uGedaliya unyana ka-Ahikam, amagorha, amadoda okulwa, nabafazi, nabantwana, namathenwa, abewabuyisile eGibheyon.
17. Baya bahlala endlwini yabaphambukeli kaKimham engaseBhetelehem, ukuba baye kungena eYiputa, ngenxa yamaKaledi.