1. Kwathi ngenyanga yesixhenxe, weza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yokumkani, wakubathetheli bokumkani, enamadoda alishumi, kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa; badla isonka ndawonye eMizpa apho.
2. Wesuka uIshmayeli unyana kaNetaniya, namadoda alishumi abenaye, wamxabela uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, ngekrele; wambulala ke obenziwe umveleli ngukumkani waseBhabheli ezweni eli;
3. namaYuda onke abenaye, abenoGedaliya eMizpa, namaKaledi awafunyanwayo khona, angamadoda okulwa, wawabulala uIshmayeli.
4. Kwathi ke ngomhla wesibini emva kokubulawa kukaGedaliya, kungàzi mntu,
5. kwafika amadoda evela kwaShekem naseShilo nakwaSamari, amadoda angamashumi asibhozo, eguye iindevu, ezikrazule iingubo, ezicentile, eneminikelo yokudla nentlaka emhlophe ezandleni zawo, eyizisa endlwini kaYehova.
6. Waphuma eMizpa uIshmayeli unyana kaNetaniya, waya kuwakhawulela, emana ehamba elila. Kwathi, akufika kuwo, wathi kuwo, Yizani kuGedaliya unyana ka-Ahikam.