Uyeremiya 40:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Beza ke kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan oonyana bakaKareha, noSeraya unyana kaTanumete, noonyana bakaEfayi waseNetofa, noYezaniya umntu waseMahaka, bona namadoda abo.

9. UGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi; hlalani kweli lizwe, nimkhonze ukumkani waseBhabheli, kulunge kuni.

10. Yabonani, ndihleli eMizpa, ukuze ndime phambi kwamaKaledi, aya kuza kuthi; ke nina hlanganisani iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoli, nibeke ezityeni zenu, nihlale emizini yenu, enithe nayithimba.

11. NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenzé umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.

Uyeremiya 40