Uyeremiya 4:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Phakamisani ibhanile* ngaseZiyon, sabani, ningemi; kuba entla ndizisa ububi, nembubhiso enkulu.

7. Kunyuka ingonyama iphuma entshinyeleni yayo yehlathi, kunduluka umonakalisi weentlanga; úphuma endaweni yakhe, ukuze aliphanzise ilizwe lakho, imizi yakho yenzìwe imiwewe, ingabi nabemi.

8. Ngenxa yoko bhinqani ezirhwexayo, nimbambazele, nibhomboloze; ngokuba ukuvutha komsindo kaYehova akubuyanga kuthi.

9. Kothi ke ngaloo mini, utsho uYehova, iphele intliziyo yokumkani nentliziyo yabathetheli; bamangaliswe ababingeleli, bangàkhulumi abaprofeti.

10. Ndathi ke, Kwowu, Nkosi Yehova, inyaniso, ùbalukuhlile kakhulu aba bantu neYerusalem, usithi, Niya kuba noxolo; libe ikrele lide lafika emphefumlweni.

11. Ngelo xesha kuya kuthiwa kwaba bantu nakwiYerusalem, Umoya olulophu lwaseluqayini entlango uza ngendlela yentombi yabantu bam, ungazeli kwela, ungazeli kucoca;

12. umoya onamandla ngaphezu kwezo nto uzela mna; ngoku nam ndiya kuthetha nabo imigwebo.

Uyeremiya 4