Uyeremiya 38:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uShefatiya unyana kaMatan, noGedaliya unyana kaPashure, noYukali unyana kaShelemiya, noPashure unyana kaMalekiya, baweva amazwi abewathetha uYeremiya kubantu bonke, esithi,

2. Utsho uYehova ukuthi, Ohlala kulo mzi wofa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ophuma aye kumaKaledi wophila, ube lixhoba kuye umphefumlo wakhe, aphile.

3. Utsho uYehova ukuthi, Lo mzi uya kunikelwa esandleni sempi yokumkani waseBhabheli, awuthimbe.

4. Bathi ke abathetheli kukumkani, Mayibulawe le ndoda, ngokuba ngokwenjenje iwisa izandla zamadoda okulwa, aseleyo kulo mzi, nezandla zabantu bonke, ngokuthetha kubo amazwi anje; ngokuba le ndoda ayilungxamele uxolo lwaba bantu, ingxamele ububi babo.

Uyeremiya 38