Uyeremiya 33:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. kuviwe izwi lemihlali nezwi lemivuyo; izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; izwi labathi, Bulelani kuYehova wemikhosi, ngokuba elungile uYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; abazìsa imibulelo endlwini kaYehova. Ngokuba ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwelizwe, limiwe njengokwasekuqaleni; utshilo uYehova.

12. Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Kule ndawo ilinxuwa, ingenamantu, ingenankomo, nasemizini yayo yonke, kuya kubuya kubekho ikriwa labalusi, ababuthela imihlambi yabo kulo.

13. Emizini yasezintabeni, nasemizini yasezithabazini, nasemizini yelasezantsi, nasezweni lakwaBhenjamin, nangeenxa zonke eYerusalem, nasemizini yakwaYuda, iya kubuya igqithe imihlambi phantsi kwezandla zoyibalayo; utsho uYehova.

14. Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kulimisa ilizwi elilungileyo, endalithethayo kwindlu kaSirayeli nakwindlu kaYuda.

Uyeremiya 33