Uyeremiya 32:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. amse uZedekiya eBhabheli, abe khona ndide ndimvelele, utsho uYehova; xa nithe nalwa namaKaledi, aniyi kuba nampumelelo.

6. Wathi uYeremiya, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

7. Yabona, uHanameli, unyana kaShalum uyihlokazi, uza kuwe, esithi, Yithenge intsimi yam eseAnatoti; ngokuba kulunge nawe ukuyithenga uyikhulule ngentlawulelo.

8. Weza ke kum entendelezweni yentolongo uHanameli, unyana kabawokazi, ngokwelizwi likaYehova, wathi kum, Khawuyithenge intsimi yam eseAnatoti, esezweni lakwaBhenjamin; ngokuba lilunge nawe ilifa, kokwakho ukuyikhulula ngokumisela; zithengele. Ndazi ke ukuba lilizwi likaYehova elo.

9. Ndayithenga ke intsimi kuHanameli, unyana kabawokazi, eseAnatoti, ndamlinganisela imali leyo, iishekele* ezilishumi zesilivere ezineeshekele ezisixhenxe.

10. Ndakúbhala ke encwadini, ndayitywina, ndangqinisa amangqina, ndayilinganisela imali ngesikali.*

11. Ndayithabatha ke incwadi yentengo, leyo itywiniweyo inomthetho nemimiselo, naleyo ivulekileyo;

12. ndayinikela incwadi yentengo kuBharuki unyana kaNeriya, unyana kaMaseya, emehlweni kaHanameli okabawokazi, nasemehlweni amangqina lawo abhalileyo encwadini yentengo, nasemehlweni amaYuda onke abehleli entendelezweni yentolongo.

13. Ndamwisela uBharuki umthetho emehlweni abo, ndisithi,

Uyeremiya 32